Sunday 10 February 2013

Eli liculo likamama ka mama. Zange ndambona kodwa wayesithi umama xa eliculla athi " liculo likamama wam eli, wathi xa enokubhubha zesimkhaphe ngalo, nyani ke samkhapha ngalo" Naye ke umama lowo undizalayo akaseskho...kambe mhlaba ndini uyafihla.

Kubo bonke othixo
akukho onje ngaye
Kuba inceba zakhe
Zimi ngonaphakade

Ezi Ntsizini zethu
Iliso liyabona
Kuba inceba zakhe
Zimi Ngonaphakade

Eli culo ndathi ndisiya enkonzweni ndabe kudala ndilazi, kuba umama wayehlala elicula ngamaxesha amaninzi, kunjalo nje xa lihlatyelelwa ecaweni andilijongi kuba lahlala lihleli entliziyweni yam.

Rest in peace Madzana, soze ndizilibale imfundiso zakho. Namhlanje ndizibiza ibhinqa ngenxa yakho Bhacakazi.

You might be gone in the world but you live in me.

No comments:

Post a Comment